Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 32:28-43 Ibhayibhile (XHO96)

28. Kwezo ntshaba umqondo tu;kwabo bantu ingqondo ti!

29. Ukuba nje bebelumkile ngebeyazi le nto,beliqonda nekamva labo.

30. Iwaka lingaze loyiswe ngumntu omnye;ishumi lamawaka libalek' ababini,ukanti abaphoxwanga yiNgxondorha yabo,mhlawumbi bayekelwe nguNdikhoyo?

31. Ingxondorha yezinye izizwe ayifani neyethu,nkqu neentshaba zethu ziyayiqonda loo nto.

32. Kuba isidiliya sazo sesaseSodom;ngumdiliya wamasimi aseGomora.Idiliya yazo inetyhefu,izikhinkci zayo ziyakrakra.

33. Eyazo iwayini bubuhlungu benyoka;ngengcwangu nqwa nobuhlungu bephimpi.

34. “Kambe ke isiphelo sazo ndisasibambile;ndisasivalele koovimba bam.

35. Ke yona impindezelo nokubuyekeza kokwam;ngokuhamba kwexesha zode zityibilike.Imini yazo isemnyango;izingqi zentshabalalo ziza zikhawulezile.”

36. Kaloku uNdikhoyo wobavelela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe,akuba eqonda ukuba baphelelwe,kungasekho mahluko phakathi kwenkosi nesicaka.

37. Wosuka ke athi: “Baphi ke abo thixo benu?Iye ngaphi kaloku ingxondorha yenu?

38. Abo batye amanqatha amadini enu,baza basela neminikelo yewayini,mabeze kuninceda kaloku;mabavele kaloku, banikhusele.

39. “Niyabona ke, ndim, ewe ndim ndedwa uThixo;akukho thixo wumbi ngaphandle kwam.Ndiyabulala, ndidlisa ubomi;ndiyenzakalisa, ndiyanyanga futhi;tu ohlangulayo esandleni sam.

40. NdinguThixo ophilayo njeinene ndiyafunga, ndithi:

41. ‘Ndiza kulilol’ ikrele lam elidangazelayo;ndihlasele kutsho kuvele ubulungisa.Ke zona iintshaba zam ndozohlwaya,abandithiyileyo ndibaphindezele.

42. Iintolo zam ziza kuxhaph' igazi;ikrele lam liza kudl' enyameni;nditsho igazi labaxatyelweyo nabathinjwa,nkqu negazi leentloko ezinesihlwitha zeentshaba.”

43. Hoyina, zizwe, dumisani ngenxa yabantu bakaNdikhoyo!Kalok' uyalibuyekeza igazi lezicaka zakhe.Zidliwe yimpindezelo iintshaba zakhe;kambe ke uyazicamagushela izono zabantu bakhe nelizwe lakhe.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 32