Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhlaziyo-Mnqophiso 19:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Akuba ke *uNdikhoyo uThixo wakho ezitshabalalisile ezo zizwe zimhlaba wazo awupha wena, naza nazigxotha nema kwiidolophu zazo ngokunjalo nemizi yazo,

2-3. lahlule kathathu elo lizwe, kummandla ngamnye ukhethe idolopu efikeleleka lula, uzilungise iindlela eziya kuyo. Úya kuthi ke umntu obulele omnye abe nokuphephela kwenye yazo, afumane ukukhuseleka.

4. Inkqubo iya kuhamba ngolu hlobo: Umntu obulele omnye ngengozi, engelotshaba lwakhe, wobalekela kwenye yazo ukuze asinde.

5. Ukuba abantu ababini baphumile baya kutheza ehlathini, waza ke wathi omnye wabo esagawula umthi lasuka lapoqa izembe lakhe laza lamenzakalisa wafa omnye lowo, lo ebegawula makaphephele kwenye yezo dolophu ukuzisindisa.

6. Xa umgama ekufuneka uhanjwe ngulowo ubalekayo umde, isizalwane esingumphindezeli soba nako ukumfumana lo ubuleleyo engekafiki, simbulale nakuba engenatyala yena ngokwakhe. Andithi na kaloku umbulele ngengozi lo mntu engelotshaba lwakhe!

7. Kungenxa yeso sizathu ke le nto ndikuyalela ukuba umise iidolophu zibe ntathu.

8. “Xa uNdikhoyo uThixo wakho ethe walandisa elo lizwe lakho, wakongezela wonke umhlaba awuthembise ookhokho bakho efunga,

9. kofuneka uphinde ukhethe nezinye iidolophu zibe ntathu. Uzukwenze ke konke endikuyaleleyo namhlanje, ubonakalise ukumthanda uNdikhoyo uThixo wakho, uhlale uziphatha ngokweemfundiso zakhe.

10. Ezi dolophu ziyimfuneko, khon' ukuze abantu abamsulwa bangabi loxhoba lokubulawa kwelo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho.

funda isahluko epheleleyo Uhlaziyo-Mnqophiso 19