Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 7:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndowukhuphela kuwe umsindo wam,ndiyiphelisele kuwe ingqumbo yam;ndiya kukohlwaya ngezenzo zakho,ndikubuyekeze ngamanyundululu akho.

9. Andiyi kuba naluvelwano,ndingayi kuba nayo nenceba,koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,uchanwe ngamanyundululu akho.Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.

10. “Lufikile usuku!Ewe, lufikile!Intshabalalo ithe momfu;intonga iqhakazile,ikratshi lidubule!

11. Ugonyamelo luyintonga yokohlwaya inkohlakalo;akukho namnye oya kusinda –nditsho nkqu ubutyebi,nantoni na yexabiso.

12. “Ixesha lixheshile;imini ifikile!Phantsi imincili kumthengi,umthengisi angabi lusizi,kuba ingqumbo isifikele isihlwele.

13. Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhenokuba usaphila nomthengi,kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele.Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe,kuba kaloku akukho namnye ungonanga.

14. Bangade balivuthele ixilongo,baxhobe bafe amacala,kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi,kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.

15. “Likrele kongaphandle;kongaphakathi ngubhubhani nendlala.Abasemaphandleni baya kubulawa ngekrele;abasesixekweni baya kubhuqwa yindlala nangubhubhani.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 7