Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 18:21-31 Ibhayibhile (XHO96)

21. “Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.

22. Zonke izikreqo azenzileyo aziyi kuphinda zikhunjulwe. Uya kudla ubomi ngenxa yobulungisa abenzileyo.

23. Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.

24. “Xa ilungisa libulahla ubulungisa, lize lingene enkohlakalweni, lenze amanyundululu abefudula esenziwa ngokhohlakeleyo, lingabudla njani ubomi? Bonke ubulungisa ebelifudula libenza abuyi kuba sakhunjulwa. Liya kufa kuba lingathembekanga, lifela izono zalo.

25. “Ke nina nithi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Phulaphula, ndlu kaSirayeli: Ngaba inkqubo yam asiyiyo eyolungelelwano na? Yinkqubo yenu kaloku engenalo ulungelelwano.

26. Ukuba ilungisa lithe laphambuka ebulungiseni, lenza isono, liya kufa ngenxa yesono eso.

27. Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wayilahla inkohlakalo yakhe, wenza ubulungisa, ngokwenjenjalo uya kubusindisa ubomi bakhe.

28. Kuba eziqondile iziphoso zakhe, waza wazilahla, akayi kufa, koko uya kudla ubomi.

29. Kodwa ke noko indlu kaSirayeli isatsho ukuthi: ‘Inkqubo kaNdikhoyo ayinalungelelwano.’ Ndlu kaSirayeli, inolungelelwano inkqubo yam. Ziindlela zenu ezingenalo ulungelelwano.

30. “Ngako oko, ndlu kaSirayeli, umntu ngamnye kuni ndiza kumgweba ngokwezenzo zakhe, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani! Rhoxani kuzo zonke izikreqo enizenzayo, ukuze ningatshabalali ngenxa yenkohlakalo yenu.

31. Yahlukanani nezikreqo ebenifudula nizenza, nizifumanele intliziyo entsha, nomoya omtsha. Ngani ukuba nife, ndlu kaSirayeli?

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 18