Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 18:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. “Mhlawumbi indoda le inonyana othanda ukulwa, aphalaze igazi, okanye ade enze nezinye izinto ezingatshongo khona,

11. (naxa uyise engazange wazenza ezo zinto):“Uthatha inxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni;uyamhlazisa umfazi wommelwane;

12. uyawacinezela amahlwempu nabasweleyo;ungumphangi;akayibuyisi impahla abeyibanjiswe ngobolekayo;unqula izithixo;wenza amanyundululu;

13. uyabaxhaphaza abantu xa ebolekisa,ewe, ubiza inzuzo engaphaya.“Ngaba uya kubudla ubomi umntu onjalo? Hayi! Ngokwenza onke la manyundululu umelwe kukufa, avune into abeyihlwayele.

14. “Xa ngaba lo nyana unonyana obubonayo bonke ubugwenxa bukayise, aze athi kunjalo angahambi ekhondweni lakhe:

15. “Akathathi nxaxheba kwizibingelelo zasezintabeni,okanye anqule izithixo zakwaSirayeli;akamhlazisi umka-mmelwane;

16. akacinezeli mntuokanye abize isibambiso kulowo ubolekayo;akanguye umphangi,kodwa ubapha ukutya abalambileyo,abambese abahamba ze;

17. ubethela kude esonweni;akabaqhathi abo ababolekayo,hayi akababizi inzuzo engaphaya;uyayithobela imithetho,enze ngokwemimiselo yam.“Akayi kufa ngenxa yesono sikayise, koko uya kubudla ubomi.

18. Kodwa yena uyise uya kufa ngenxa yesono sakhe, kuba ebaxhaphazile abantu, wamkhuthuza umntakwabo, wenza okungalunganga kumawabo.

19. “Niyabuza ke nina: ‘Ngani ukuba unyana angalithwali ityala likayise?’ Kaloku unyana wenze ubulungisa, wahamba ngokwemiyalelo yam; yena uya kubudla ubomi.

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 18