Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhagayi 2:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wamashumi amabini ananye ngenyanga yesixhenxe ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:

2. “Thetha kunyana kaShelatiyeli uZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, nakunyana kaYozadaki uYeshuwa umbingeleli omkhulu, nasebantwini bonke abaseleyo, uthi:

3. ‘Ngubani na kuni osaseleyo owabubonayo ubunewu-newu bale ndlu mandulo? Ngoku ikhangeleka njani kuni? Xa niyithelekisa naleya ayikhangeleki ingeyonto?

4. Kodwa ke yomelela, Zerubhabheli,’ utsho uNdikhoyo. ‘Yomelela, mbingeleli omkhulu Yeshuwa, nyana kaYozadaki. Kaloku mna ndinani,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

5. ‘Ekuphumeni kwenu eJiputa ndanqophisa ukuba ndiya kuhlala ndinani. Ke uMoya wam usenani; musani ukoyika.’

6. “Kaloku uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Kungekudalanje, ngaso isihlandlo esinye, ndiya kunyikimisa izulu nehlabathi, ndigungqise ulwandle nomhlaba owomileyo.

7. Ndiya kuziphithizelisa zonke izizwe, ubutyebi bazo buziswe apha, le ndlu yam ndiyizalise ngesihomo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

8. ‘Isiliva yeyam; kanti negolide yeyam,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

9. ‘Indlu entsha yoba nesihomo esingaphezulu kunesihomo saleya indlu yangaphambili,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ukanti ke kuyo le ndawo ndiya kunika uxolo,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

10. Ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yethoba ngonyaka wesibini wokulawula kukaDariyo ilizwi likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi lisithi:

11. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buza ababingeleli ukuba umthetho uthini na.

12. Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ”Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”

13. Ke uHagayi wathi: “Ukuba umntu *unomlaza kukuphatha isidumbu, ngaba xa echukumise ukutya nako kutsho kube nomlaza?”Ababingeleli baphendula bathi: “Ewe, kuba nomlaza.”

funda isahluko epheleleyo Uhagayi 2