Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:13-18 Ibhayibhile (XHO96)

13. Aza athi ke la madoda kukumkani: “UDaniyeli ongomnye wabathinjwa bakwaJuda akakuhoyanga, mhlekazi, akawuthobeli nalo mthetho uwuwisileyo. Usaphikele ukuthandaza kathathu ngemini.”

14. Akukuva oku ukumkani watsho wadideka mpela, waza wenza unako-nako wokucinga icebo lokuhlangula uDaniyeli. Ewe, kwaba yiloo nto lada latshona ilanga.

15. Aphinda ke la madoda eza egxalathelana kukumkani, athi: “Khumbula kaloku, mhlekazi, ukuba ngokwemithetho yamaMedi namaPeshiya umthetho nommiselo owenziwa ngukumkani awunakuguqulwa.”

16. Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba alandwe uDaniyeli; waza ke waphoswa apho kuloo mngxuma weengonyama. Wathetha naye ke wathi: “Akwaba angakuhlangula uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke.”

17. Ke kaloku umngxuma lowo wavalwa ngelitye, waza ukumkani walitywina ngomsesane wakhe nangaleyo yezikhulu zakhe, khon' ukuze imeko kaDaniyeli ingabi nakuguqulwa.

18. Emva koko ke ukumkani wagoduka waya ebhotwe, wachitha ubusuku engadli, engenalo nethuba lokuzonwabisa, koko wasuka waphuthelwa ubusuku bonke.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6