Aza athi ke la madoda kukumkani: “UDaniyeli ongomnye wabathinjwa bakwaJuda akakuhoyanga, mhlekazi, akawuthobeli nalo mthetho uwuwisileyo. Usaphikele ukuthandaza kathathu ngemini.”