Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:10-16 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.

11. Ke kaloku laa madoda ahlangana ambhaqa uDaniyeli ethandaza etarhuzisa kuThixo wakhe.

12. Ngoko ke aya kukumkani, afika athetha naye malunga nomthetho awenzileyo, athi: “Kanene, mhlekazi, ubungapapashanga umthetho na othi kwiintsuku ezimashumi mathathu makungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, usithi othe wayenza loo nto uya kuphoswa emngxunyeni weengonyama?”Ukumkani ke waphendula wathi: “Ewe, kunjalo, ndikwenzile oko, yaye lowo ngumthetho ongenakutshitshiswa wamaMedi namaPeshiya.”

13. Aza athi ke la madoda kukumkani: “UDaniyeli ongomnye wabathinjwa bakwaJuda akakuhoyanga, mhlekazi, akawuthobeli nalo mthetho uwuwisileyo. Usaphikele ukuthandaza kathathu ngemini.”

14. Akukuva oku ukumkani watsho wadideka mpela, waza wenza unako-nako wokucinga icebo lokuhlangula uDaniyeli. Ewe, kwaba yiloo nto lada latshona ilanga.

15. Aphinda ke la madoda eza egxalathelana kukumkani, athi: “Khumbula kaloku, mhlekazi, ukuba ngokwemithetho yamaMedi namaPeshiya umthetho nommiselo owenziwa ngukumkani awunakuguqulwa.”

16. Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba alandwe uDaniyeli; waza ke waphoswa apho kuloo mngxuma weengonyama. Wathetha naye ke wathi: “Akwaba angakuhlangula uThixo wakho omnqula ngentembeko maxa onke.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6