Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Le nto ke ukumkani yamothusa watsho wee rhubaxa, yadideka ingqondo yakhe, wangenwa yingevane, watyhwatyhwa, namadolo abetha-bethana.

7. Ukumkani ke wakhwaza ngamandla ukuba kubizwe oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse, waza wathi kwezi zilumko zaseBhabheli: “Umntu othe wanako ukuwufunda lo mbhalo, wawuchaza nento oyithethayo, uya kuvathiswa umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni, aze enziwe owesithathu kubalawuli beli lizwe.”

8. Zafika ke izilumko zikakumkani, kodwa zonke zaxakwa kukuwufunda loo mbhalo, yayinqaba nokuchaza intsingiselo yawo.

9. Hayi ke, woyika ngokugqithisileyo ukumkani uBhelshazare, nobuso bakhe bathi rhubaxa ngakumbi, zaye nezikhulu zakhe zididekile.

10. Akuyiva ingxokozelo eyayisenziwa ngukumkani nezikhulu zakhe ukumkanikazi wangena apho kuloo ndlu yombhiyozo, wabhekisa kukumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Hayi, musa ukoyikiswa kangaka ziingcinga zakho, ujike nebala lobuso bakho.

11. Kaloku kwalapha kulo mbuso wakho ukho umfo onomoya woothixo abangcwele. Ngexesha lokulawula kukayihlo lo mfo wazibonakalisa ukuba unengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obufana noboothixo. Ke yena uyihlo uNebhukadenezare wammisela wayingqonyela yabenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse.

12. Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”

13. Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?

14. Ndivile ke ukuba ungumfo owambathiswe ngomoya woothixo, onengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obubodwa.

15. Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5