Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Akuyiva ingxokozelo eyayisenziwa ngukumkani nezikhulu zakhe ukumkanikazi wangena apho kuloo ndlu yombhiyozo, wabhekisa kukumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Hayi, musa ukoyikiswa kangaka ziingcinga zakho, ujike nebala lobuso bakho.

11. Kaloku kwalapha kulo mbuso wakho ukho umfo onomoya woothixo abangcwele. Ngexesha lokulawula kukayihlo lo mfo wazibonakalisa ukuba unengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obufana noboothixo. Ke yena uyihlo uNebhukadenezare wammisela wayingqonyela yabenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse.

12. Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”

13. Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?

14. Ndivile ke ukuba ungumfo owambathiswe ngomoya woothixo, onengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obubodwa.

15. Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.

16. Ndivile ukuba unako ukuchaza intsingiselo yezinto, ukhulule namaqhina. Ukuba ngoku unokundifundela lo mbhalo, undichazele nentsingiselo yawo, ndingakuthi wambu ngomnweba omsobo, uthiwe gatya nomxokelelwana wegolide, umiselwe ube ngowesithathu kubalawuli beli lizwe.”

17. UDaniyeli ke waphendula wathi kukumkani: “Ungazidubi ngokundinika izipho; okanye ke zinike mntu wumbi! Ke wona umbhalo lo, ndiza kumfundela ukumkani, ndimchazele nento oyithethayo.

18. Mhlekazi! Uyihlo uNebhukadenezare wanikwa intonga yobukhosi nguThixo uPhezukonke, wamenza mkhulu, wamthi jize ngobungangamsha nobuhandiba.

19. Ngangobukhulu awayebunikiwe abantu bezizwe zonke, iintlanga, neelwimi ngeelwimi, xa bebonke, babekhahlela kuye bengcangcazela besoyika. Athanda ukumbulala wayembulala, amsindise athanda ukumsindisa. Wayemnyusela athanda ukumphakamisa, aze amkhiqe athanda ukumthoba.

20. Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5