Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 10:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ke mna ndasala ndodwa ndiwubukele loo mbonokazi. Ndasuka ndavikiveka, nobuso bam bambatsha, ndaphelelwa tu ngamandla.

9. Ndayiva ke ithetha, ndathi ndisaphulaphule njalo ndalala obunzulu ubuthongo, ubuso bam bujongise emhlabeni.

10. Ndeva ndichukunyiswa sisandla, sandimisa ngamadolo kunye neentende zezandla zam ndigevezela.

11. Loo ndoda ke yathi kum: “Daniyeli, ungumfo oxabiseke kunene. Kambe ke phakama, ume kuloo ndawo ukuyo, uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona, kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, kodwa ndisangcangcazela.

12. Yaqhuba ke yathi: “Sukoyika, Daniyeli. Kaloku uThixo wawuva kwamhla-mnene umthandazo wakho ngalaa mhla waqala ukuzithoba, ufuna ingcaciso. Ndilapha nje kungenxa yaloo mazwi akho.

13. Kambe ke isithunywa sombuso wasePeshiya sachasana nam iintsuku ezimashumi mabini ananye. Ndide ndancedwa yingqwayi-ngqwayi yezithunywaIsiHebhere sithi “itshawe” nangezantsi kwivesi yama-20 neyama-21 zikaThixo uMikayeli, weza kundikhulula apho ndandithintelwe khona ePeshiya.

14. Ngoko ke ngoku ndize kukuchazela izinto eziya kuhlela amawenu kwimihla ezayo, kuba kaloku lo mbono unxulumene naloo mihla.”

15. Ithe ke yakutsho mna ndajonga phantsi, ndisikwe umlomo.

16. Ke kaloku umfo omfano ingathi yeyomntu wolula isandla, wachukumisa imilebe yam, ndaza ndawuvula umlomo wam ndathi kuye emi phambi kwam: “Mnumzana, lo mbono unditsho ndonganyelwa kukoyika; ndiphelelwe ngamandla.

17. Kuxa bendingubani ke mna sicaka sakho, ukuba ndide ndithethe nenkosi yam? Sendiphelelwe nangamandla la; kunzima nokuphefumla oku.”

18. Waphinda ke loo mfo ufana nomntu wandichukumisa, ndaza ndatsho ndomelezeka.

19. Waqhuba wathi: “Mfondini, uxabisekile! Musa ukoyika; yomelela; ewe, yomelela ube noxolo.”Akuba etshilo ke, ndatsho ndomelela; ndaza ke ndathi kuye: “Undomelezile; thetha, nkosi yam, ndiphulaphule.”

20. Waza wathi: “Uyayazi ngoku into endizise apha kuwe. Kodwa kusafuneka ndijike ndiye kulwa nesithunywa sombuso wasePeshiya. Ndakuba ndimkile kuya kuvela isithunywa sombuso wamaGrike.

21. Kambe ke mandikutyhilele loo nto ibhaliweyo eNcwadini yeNyaniso. Akukho bani undixhasayo ekulweni nâbo bachasene nam ngaphandle koMikayeliSiTyh 12:7 isithunywa senu.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 10