Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamos 9:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Kum nina maSirayeli anahlukanga nganto kumaKushe.Andithi kanene ndim lo wakhupha amaSirayeli eJiputa,amaFilistiya ndawakhulula kumaKretenamaSiriya eKire?

8. Inene, ndiyiNkosi uNdikhoyo nje, ndibuqwalasele ubukumkani obonayo,ndaye ndiza kubususa ehlabathini.Phofu andiyi kuyicima kuphele indlu kaYakobi.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

9. “Ukususela ngoku ndiza kuthi makahlukuhlwe ahlelwe amaSirayeli phakathi kwezizwe,kanye njengokuba ingqolowa ihlukuhlwa ihlelwe esefini,kambe akuyi kubakho lukhozo luwa emhlabeni.

10. Bonke aboni phakathi kwabantu bam baza kufa ngekrele,nditsho nkqu abo bathi: ‘Intlekele ayikusihlela; ewe, ngekhe isifikele.’ ”

11. “Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umzi kaDavide ongamanxiwa.Ndozityabeka iimfanta zeendonga zawo,ndiwavuse loo mabhodlo, abe njengoko ayenjalo ngaphambili.

12. Abantu bam baya kuthatha umhlaba wamaEdom oseleyo,nalowo wezizwe ezazikade zibizwa ngegama lam.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo,yena oya kukwenza konke oku.

13. Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Kuza imihla ekuya kuthi kusavunwa kube sekulinywa kwakhona,kuthi isatyalwa imbewu yediliya kube sekuxovulwa.Ewe, iintaba ziya kuvuzisa incindi yeediliya,iinduli zitsho zinyibilike.

funda isahluko epheleleyo Uamos 9