Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamos 9:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndayibona iNkosi imi ngaseqongeni lamadini, yaza yathi:“Betha ezo ntsika phezulu kude kushukume umgubasi.Zaphule, ziwele phezu kwabo bantu balapho.Bonke abantu abaseleyo ndiza kubabulala ngekrele.Akukho namnye uya kubaleka;akukho bani uya kusinda konke.

2. Nokuba bangade bazembele baye kutsho kwelabafileyo,ndiya kubakhupha apho.Nokuba bangade banyukele phezulu ezulwini,ndiya kubathula nalapho.

3. Ndithi nokuba bangade baye kuzimela phezu kwentaba iKarmele,ndiya kubazingela nalapho, ndibakhuphe.Bangade baye kuzimela ezantsi elwandle, bazifihle kum,nalapho ndobathumela ngenyoka yaselwandle, ibadle.

4. Nokuba bangade basiwe ekuthinjweni ziintshaba,nalapho ndothi mababulawe ngekrele.Ndowatsolisa amehlo am phezu kwabo,kungenganjongo yakubenzela okuhle,kodwa kungenjongo yokubenzela ububi.”

5. Itsho linyibilike yakulichukumisa ihlabathi iNkosi uNdikhoyo onamandla onke,kube sisijwili kubo bonke abemi balo.Ihlabathi liya kuphakama lixele iNayile,liphinde lithothe njengaloo mlambo waseJiputa.

6. Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –nguNdikhoyo igama lakhe.

7. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Kum nina maSirayeli anahlukanga nganto kumaKushe.Andithi kanene ndim lo wakhupha amaSirayeli eJiputa,amaFilistiya ndawakhulula kumaKretenamaSiriya eKire?

8. Inene, ndiyiNkosi uNdikhoyo nje, ndibuqwalasele ubukumkani obonayo,ndaye ndiza kubususa ehlabathini.Phofu andiyi kuyicima kuphele indlu kaYakobi.”Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.

9. “Ukususela ngoku ndiza kuthi makahlukuhlwe ahlelwe amaSirayeli phakathi kwezizwe,kanye njengokuba ingqolowa ihlukuhlwa ihlelwe esefini,kambe akuyi kubakho lukhozo luwa emhlabeni.

10. Bonke aboni phakathi kwabantu bam baza kufa ngekrele,nditsho nkqu abo bathi: ‘Intlekele ayikusihlela; ewe, ngekhe isifikele.’ ”

funda isahluko epheleleyo Uamos 9