Testamente Endala

Testamente Entsha

Izililo 1:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Izikreqo zam zibhijelene;ziyidyokhwe isandla sikaNdikhoyo esindibophe ngayo,zihleli zinzi entanyeni yam.INkosi iwaqobile amandla am;indinikezele esandleni sâbo ndingenakumelana nabo.

15. INkosi izibukule zonke izithwala-ndwe zam;ihlanganise umkhosi ukuze ucumze umlisela wakowethu.INkosi iyinyhashe esixovululweni intombi enguJuda.

16. Kungoko ndisenza isimbonono,amehlo am ephalala iinyembezi.Akukho bani ukufuphi kum ukundithuthuzela;akukho mntu uhlaziya umoya wam.Abantwana bam baphalelekuba utshaba loyisile.

17. IZiyon iyazolula izandla zayo,kodwa ayinamthuthuzeli.UNdikhoyo wawenza umyalelo ngoYakobi wokuba abamelwane bakhe babe ziintshaba zakhe;kubo iJerusalem yinto enezothe.

18. Ulilungisa uNdikhoyo,kodwa ndiphikisene nomlomo wakhe.Phulaphulani, nonke nina zizwe,niyibone intlupheko endikuyo.Umlisela nomthinjana wakowethu usekuthinjweni.

19. Ndakhala kwizithandwa zam,kodwa zandikhohlisa.Ababingeleli bam, namadoda amakhulu, âtshabalala esixekweniefuna ukudla ukuze ahlaziyeke.

20. Khangela, Ndikhoyo, ndibandezeleke kakhulu;amathumbu am ayaxuxuzela.Intliziyo yam ikhathazekile,kuba ndisuke ndangenwa luvukelo.Phandle phaya ikrele liyabhubhisa,ngaphakathi kukufa kodwa.

funda isahluko epheleleyo Izililo 1