Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 11:6-21 Ibhayibhile (XHO96)

6. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

9. Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

10. Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.

11. Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

12. Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;ke yona ingqondi ithi cwaka.

13. Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

14. Isizwe esingenamcebisi siyawa;kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.

15. Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.

16. Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17. Umntu onobubele uyazimaseka;kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18. Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini;ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20. UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21. Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 11