Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 11:11-27 Ibhayibhile (XHO96)

11. Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

12. Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;ke yona ingqondi ithi cwaka.

13. Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

14. Isizwe esingenamcebisi siyawa;kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.

15. Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.

16. Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17. Umntu onobubele uyazimaseka;kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18. Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini;ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20. UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21. Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

22. Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqobufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.

23. Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.

24. Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.

25. Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

26. Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.

27. Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 11