Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 9:47-57 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ke kaloku uAbhimeleki waxelelwa ukuba baqokelelene khona,

48. waza ke waphuma nomkhosi wakhe, wanyuka intaba iZalmona. Apho ke wathatha izembe, wagawula isebe emthini, walixwaya emagxeni.Wathi kumadoda omkhosi wakhe: “Khawulezani nenjenjalo nani!”

49. Yaba yileyo naleyo ke indoda yagawula isebe emthini; aza ke alandela uAbhimeleki. Ezo nkuni azayamisa apho kwelo gumbi; aza ke kamva azifaka umlilo, abantu belapho ngaphakathi. Bonke ke abantu ababesenqabeni yaseShekem bafa. Babekwisithuba sewaka lamadoda nababhinqileyo.

50. UAbhimeleki ke waya eTebheze, isixeko eso wasirhawula wasithimba.

51. Apho ke kwakukho inqaba eyomeleleyo kunene, aza ke onke amadoda nabo bonke ababhinqileyo (abemi bonke besixeko ukutsho) bangena kuyo. Bazitshixela, baya kuhlala phezulu eluphahleni.

52. Akufika uAbhimeleki, eze kuhlasela inqaba leyo, waya emnyango, efuna ukuyitshisa.

53. Kambe ke umfazi othile owayephezulu enqabeni wamgibisela ngelitye lokusila, wamqhekeza ukhakhayi.

54. Ngoko nangoko ke wabiza umfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele lakho undibulale, ukuze kungathiwa ndibulewe ngumfazi.” Ngoko ke umfana lowo wamgwaza wafa.

55. Athi ke amaSirayeli akubona ukuba uAbhimeleki ufile, asuka agoduka onke.

56. Ngale ndlela ke uThixo wabuphindezela ububi obabenziwe nguAbhimeleki kuyise ngokubulala abantakwabo abangamashumi asixhenxe.

57. UThixo wabohlwaya nabantu baseShekem ngenxa yenkohlakalo yabo, njengoko wathethayo uYotam unyana kaJerubhali xa wayebashwabulela.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 9