Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 9:33-49 Ibhayibhile (XHO96)

33. Ngomso, xa lithi chapha, ze nivuke nisiqubule nisihlasele isixeko. Aze athi ke uGali nomkhosi wakhe akuphuma esiza kulwa nenze oko isandla senu sinako ukukwenza.”

34. Ngenene ke uAbhimeleki waphuma nomkhosi wakhe ngobusuku, baza bazimela ngaphandle kwaseShekem, bengamaqela amane.

35. Bathe ke ooAbhimeleki bakumbona uGali ephuma esiya kuma esangweni lesixeko, nabo baphuma ezikhundleni zabo.

36. Wababona ke uGali, waza wathi kuZebhule: “Khangela, nangaya amadoda esihla encotsheni yentaba!”UZebhule uphendule wathi: “Hayi, ngamathunzi nje eentaba la angathi ngabantu.”

37. Kwakhona uGali wathi: “Khangela, nangaya amadoda esihla phaya embindini wentaba! Elinye iqela liza ngalaa ndlela ivela kum-oki wezangoma!”

38. UZebhule waphendula wathi: “Aye phi kaloku amatshamba akho ngoku? Andithi kaloku nguwe kanye owawusithi: ‘Ngubani yena uAbhimeleki ukuba sibe phantsi kwakhe?’ Nango ke laa madoda obuphoxisa ngawo! Hamba kaloku, uphume uye kulwa nawo!”

39. Waphuma ke uGali, wabakhokela abemi baseShekem, balwa noAbhimeleki.

40. UGali wasaba, waza ke wasukelwa nguAbhimeleki. Abaninzi benzakalela kwalapho ukuya esangweni lesixeko.

41. UAbhimeleki wahlala eAruma, waza uZebhule wamdudula uGali nabantakwabo baphuma eShekem, ababa saba nako ukuhlala khona.

42. Ngomhla olandelayo uAbhimeleki waxelelwa ukuba amaShekem aceba ukuphuma aye emaphandleni;

43. waza ke waphuma nomkhosi wakhe wawahlula-hlula kathathu, waya kubalalela emaphandleni. Wathi akubona abantu bephuma esixekweni, naye waphuma ekuzimeleni, wababulala.

44. Wathi xa axhabashileyo uAbhimeleki neqela lakhe besiya esangweni, aba amanye amaqela la mabini ehlasela abasemaphandleni, ababulala.

45. Kwaliwa imini yonke. UAbhimeleki wasihlasela isixeko eso, wasithimba, wababulala abantu baso, wasidiliza, umhlaba wawugalela ityuwa.

46. Bathe ke bakuyiva le nto abemi baseShekem ababesenqabeni yakhona, basuka baya kuzimela kwigumbi elinqatyisiweyo lendlu kaBhali womnqophiso.

47. Ke kaloku uAbhimeleki waxelelwa ukuba baqokelelene khona,

48. waza ke waphuma nomkhosi wakhe, wanyuka intaba iZalmona. Apho ke wathatha izembe, wagawula isebe emthini, walixwaya emagxeni.Wathi kumadoda omkhosi wakhe: “Khawulezani nenjenjalo nani!”

49. Yaba yileyo naleyo ke indoda yagawula isebe emthini; aza ke alandela uAbhimeleki. Ezo nkuni azayamisa apho kwelo gumbi; aza ke kamva azifaka umlilo, abantu belapho ngaphakathi. Bonke ke abantu ababesenqabeni yaseShekem bafa. Babekwisithuba sewaka lamadoda nababhinqileyo.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 9