Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 3:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngoko ke uNdikhoyo waba nomsindo, waza wawayekela ngokumkani uKushan-rishatayim waseAram-naharayim, wawoyisa, aba phantsi kwakhe iminyaka esibhozo.

9. Ke kaloku amaSirayeli adanduluka akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi. Lowo ke yayinguOteniyeli unyana kaKenazi umninawe omncinci kaKalebhi.

10. Ke kaloku uOteniyeli wonganyelwa nguMoya kaNdikhoyo, waza waba yinkokheli yamaSirayeli. UOteniyeli waya emfazweni, wathiwa jize ngoloyiso nguNdikhoyo, wamoyisa ukumkani uKushan-rishatayim waseAram.

11. Kwalandela amashumi amane eminyaka yoxolo ke apho, wada wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.

12. Aphinda amaSirayeli akreqa *kuNdikhoyo. Ngenxa yeso sizathu ke uNdikhoyo womeleza uEglon ukumkani wamaMowabhi, waqina kunawo.

13. UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu.

14. AmaSirayeli ke aba phantsi koEglon ukumkani wamaMowabhi iminyaka elishumi elinesibhozo.

15. Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.

16. Ke uEhudi wazenzela isabile ebazwe macala, ingamashumi amahlanu eesentimitha ubude. Wayibophelela kwithangá lakhe lasekunene phantsi kwempahla.

17. Wawuthatha ke umrhumo lowo, waya nawo kuEglon, umfo owayemkhulu ngesiqu, etyebile.

18. Wathi ke, akuba ewunikezele umrhumo lowo, uEhudi wawandulula loo madoda ayemphathisile, agoduka.

19. Kambe ke yena wajika ngakwimifanekiso yezithixo ekufuphi neGiligali, wabuya waya kuEglon, wafika wathi kuye: “Mhlekazi, ndicela khe sihlinz' impuku.”Ngoko ke ukumkani wathi: “Shenxani!” Zaphuma ke izicaka zakhe.

20. Wathi ke esahleli apho kwelo gumbi lakhe lokuphola, likumgangatho ophezulu, suka uEhudi wonda ngaye, wathi: “Ndinomyalezo wakho ovela kuThixo.” Ke yena ukumkani wema ngenyawo.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 3