Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.