Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 3:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. UEglon ke wadibana nama-Amon nama-Amaleki, baza bawahlasela amaSirayeli, basithatha isiXeko samaSundu.

14. AmaSirayeli ke aba phantsi koEglon ukumkani wamaMowabhi iminyaka elishumi elinesibhozo.

15. Aphinda amaSirayeli akhala kuNdikhoyo, waza ke yena wawathumela umkhululi uEhudi, inxele, unyana kaGera wendlu kaBhenjamin. AmaSirayeli athumela uEhudi kukumkani uEglon waseMowabhi, emphathele umrhumo.

16. Ke uEhudi wazenzela isabile ebazwe macala, ingamashumi amahlanu eesentimitha ubude. Wayibophelela kwithangá lakhe lasekunene phantsi kwempahla.

17. Wawuthatha ke umrhumo lowo, waya nawo kuEglon, umfo owayemkhulu ngesiqu, etyebile.

18. Wathi ke, akuba ewunikezele umrhumo lowo, uEhudi wawandulula loo madoda ayemphathisile, agoduka.

19. Kambe ke yena wajika ngakwimifanekiso yezithixo ekufuphi neGiligali, wabuya waya kuEglon, wafika wathi kuye: “Mhlekazi, ndicela khe sihlinz' impuku.”Ngoko ke ukumkani wathi: “Shenxani!” Zaphuma ke izicaka zakhe.

20. Wathi ke esahleli apho kwelo gumbi lakhe lokuphola, likumgangatho ophezulu, suka uEhudi wonda ngaye, wathi: “Ndinomyalezo wakho ovela kuThixo.” Ke yena ukumkani wema ngenyawo.

21. Ngesandla sasekhohlo uEhudi warhola isabile yakhe apho wayeyifihle khona ethangéni lakhe lokunene, wayimilisela kweso sisu sikakumkani.

22. Yatshona yonke nywam nesiphatho sayo, yawagramza ayifihla loo mateketeke amanqatha. UEhudi wayiyeka apho, waza ke yena waya kuphuma ngasemva,

23. waluvala ucango, watshixa,

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 3