Testamente Endala

Testamente Entsha

Iinkokheli 1:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.

8. Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.

9. Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.

10. Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.

11. Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

12. UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”

13. UOteniyeli, unyana kaKenazi umninawa omncinci kaKalebhi, wasithimba ke eso sixeko, waza ke uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa.

14. Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”

15. Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo engasentla nengasezantsi.

16. Inzala kayise womka-Mosis, umKeni, yahamba nendlu kaJuda ukuphuma kwisiXeko samaSundu, yaya kumhlaba oyintlango ezantsi kweArade kwelakwaJuda, yaza ke yema phakathi kwabantu balapho.

17. Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.

18-19. *UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo.

20. Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki.

21. Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.

funda isahluko epheleleyo Iinkokheli 1