Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 78:1-19 Ibhayibhile (XHO96)

1. Khaniyibekel' iindlebe, mawethu, imfundiso yam;khanindiph' iindlebe ndithethe.

2. Ndiza kuthetha nani ngemizekeliso;ndiza kuphokoz' iintsonkotha zamandulo.

3. Ndixel' izinto esazivayo nesizaziyo,izintw' esazixelelwa ngoobawo.

4. Asinako ukubafihlela abantwana babo,koko sozibhengeza kwizizukulwana ezizayo:imisebenzi emihle *kaNdikhoyo namandla akhe,ewe, nditsho nemimangaliso ayenzileyo.

5. Wamisela umthetho kwaYakobi,wanikela imimiselo kwaSirayeli;wabanqonqozisa ngayo oobawo,ukuze bafundise abantwana babo,

6. khon' ukuze ziyazi izizukulwana ezizayo,ewe, nditsho nabangekalibon' ilanga.Bona ke bayigqithisele kubantwana babo,

7. ukwenzela ukuba bakholose ngoThixo,bangaze bayilibale imisebenzi yakhe,koko bayithobele imimiselo yakhe;

8. ewe, bona bangafuzi ooyise,isizukulwana esineenkani nesigwilikayo,abantu abantliziyo zibhetyebhetye,abangazange banyaniseka kuThixo.

9. AmaEfrayim axhoba ngeentolo,engàxhob' ef' amacala,kodwa aswantsula ngomhla wedabi.

10. Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.

11. Suke ayilibala imisebenzi yakhe,imiqondiso awayewabonise yona.

12. UThixo wenza imimangaliso phambi kooyise,eJiputa kumathafa aseZowan.

13. Walahlula-hlula ulwandle, bawela,amanzi aba yinduli ngapha nangapha.

14. Wabakhokela ngelifu emini,ebusuku wabakhokela ngomlilo.

15. Waqhekeza amawa entlango,basela amanzi ampompozayo.

16. Wavelisa imithombo elulwalweni,amanzi aqukuqela ngathi yimilambo.

17. Kodwa baphindelela ukona,bavukelana naye uPhezukonke entlango.

18. Bamvavanya ngabom uThixongokubiza ukutya ababekubawela.

19. Baphoxisa ngoThixo bathi:“Angakuthatha phi na ukutya apha entlango?

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 78