Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 7:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.

8. NguNdikhoyo umgwebi wabo bonk' abantu.Ligwebe ityala lam ke, Ndikhoyo,bucace ubulungisa bam, kucace ukuba ndimsulwa.

9. Phelisa inkohlakalo yabantw' abagwenxa,uwazimase amalungisa, wena Thixo othand' ukulunga,ogocagoca iintliziyo neengcinga zabantu.

10. Likhaka lam uThixo,uyabakhusela abantw' abathand' ukulunga.

11. UThixo ngumgwebi olilungisa;unguThixo ocatshukisw' imihla nezolo.

12. Ukuba abazohlwayi abantuwolirhola ikrele lakhe elibukhali uThixo.Selesityedile isaphetha sakhe, wema kuhle;

13. uzikhuphile esingxotyeni sazo izikhali,wajolisa ngeentolo ezinomlilo.

14. Khangela, umnt' ogwenxa ukhawula ukungcola,amith' ubumenemene, azal' ubuxoki.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 7