Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 27:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo,ungasilahli ngomsindo isicaka sakho.Wena mncedi wam, mus' ukundilahla;uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.

10. Xa ndilahlwe ngubawo noma,wondichola yena uNdikhoyo.

11. Ndifundise indlela yakho, Ndikhoyo,undikhokele endleleni elungileyo,kuba zininzi iintshaba zam.

12. Uzungandiyekeli kwabandivukelayo,kuba andivukele amangqina obuxoki,afutha ukundenzakalisa.

13. Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyolo gama ndisadla amazimba.

14. Thembela kuNdikhoyo; yomelela, ube nesibindi!Ewe, thembela kuNdikhoyo wena!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 27