Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 146:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!

2. Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;ndiya kuhlabela indumiso,ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.

3. Musa ukukholosa ngamanene;sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.

4. Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.

5. Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;

6. ongumenzi wamazulu nehlabathi,ulwandle neento zonke ezilapho kulo;yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;

7. umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;umondli wâbo balambayo.UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.

8. UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,umphakamisi wâbo bawileyo.UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

9. UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,umxhasi wabahlolokazi neenkedama.Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

10. Kambe ke yena uNdikhoyo uya kulawula naphakade,uThixo wakho, Ziyon, kuzo zonke izizukulwana.Siyakhahlela, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 146