Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 138:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu, ndibamba ngazibini, *Ndikhoyo.Ewe, ndinongazenzisiyo umbulelo;ndikuncoma ndikubonge naphi na.

2. Ndikhala ndijongise ngasendlwini yakho engcwele,ndibonga ndincoma igama lakho,ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho,kuba uzicacisile ukuba wena,ndawonye nezithembiso zakho, ubalasele.

3. Ndathi ndakukhala kuwe wandiphendulakangangokuba ndatsho ndomelezeka.

4. Zonke izikumkani zehlabathi mazikudumise, Ndikhoyo,kuba zizivile izithembiso zakho.

5. Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.

6. Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,ubanonophele abagqush' eluthulini;ke bona abaqholosayo ubabukele.

7. Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.

8. UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 138