Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 106:40-48 Ibhayibhile (XHO96)

40. UNdikhoyo wavutha ngumsindo,waza wabacaphukela abantu bakhe.

41. Wabayekela ezandleni zeentlanga,baba phantsi kolawulo lweentshaba zabo.

42. Zababandezel' iintshaba,bahlala kabuhlungu phantsi kwazo.

43. Kwaba kaninzi-ninzi ebahlangula uNdikhoyo,kodwa bakhetha ukungamva,beyela zwabha esonweni;

44. Kambe ke wabuya wayigqala uNdikhoyo imbandezelo yabo,wabeva bakuzibika kuye;

45. wazikhumbula nezithembiso zakhe kubo,waba nenceba ngenxa yothando lwakhe olukhulu,

46. wabatsho basizelwa ngababandezeli babo.

47. Sisindise, Ndikhoyo, Thixo wethu,siqokelele phakathi kweentlanga, ukuze sikubulele,silibonge igama lakho elingcwele.

48. Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayelikususela ngoku kude kube nini-nini!Bonk' abantu mabathi: “Huntshu!”Mawubongwe wena, Ndikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 106