Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 38:21-26 Ibhayibhile (XHO96)

21. Wabuza kubafo abathile base-Enayim wathi: “Liye phi elaa henyukazi laliba secaleni kwendlela?”Bathi ke bona: “Akuzange kubekho henyukazi apha.”

22. Wabuyela kuJuda, wathi: “Andimfumananga; yaye namadoda alapho athi akuzange kubekho henyukazi apho.”

23. Wathi uJuda: “Akukho nto; masezihlala kuye ezo zinto zam. Nto nje andifuni kuba yintlekisa ebantwini. Kambe mna ndilingile ukuhlawula, kodwa lona ihenyukazi alifumaneki.”

24. Emva kweenyanga ezintathu waxelelwa uJuda kwathiwa: “UTamare umolokazana wakho ubeziphethe kakubi, ngoku ke umithi.”UJuda wathi: “Mkhupheleni ngaphandle, atshiswe ngomlilo ade afe.”

25. Kuthe xa bamqhubayo, wathumela abantu kuyisezala ukuba bamxelele bathi: “UTamare uthi: ‘Ndimithiswe ngulo mntu ezizezakhe ezi zinto: isiphawulo nomtya waso, nomsimelelo. Khawuzijongisise, ukhangele ukuba ngaba zezikabani na.’ ”

26. UJuda wazazi kwangoko, wathi: “Akanatyala. Ndim ongahambanga ngesiko. Bendimelwe kukumnikezela kunyana wam uShela.” Waba uqale wagqibelisa uJuda ukulala noTamare.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 38