Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 25:25-34 Ibhayibhile (XHO96)

25. Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo.

26. Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.

27. Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo.

28. UIsake wayethanda uEsawu, kuba wayemana emzisela inyama yeenyamakazi. URabheka yena wayethanda uYakobi.

29. Ngamini ithile uYakobi esapheka, wafika uEsawu evela kuzingela. Wayefile yindlala.

30. Wathi kuYakobi: “Mfo, andilambe ngako! Khawundiphe kuloo nto ibomvu uyiphekileyo.” Yiyo loo nto uEsawu ekwabizwa ngokuthi nguEdom.

31. Uphendule wathi uYakobi: “Kulungile, ukuba nje unganikezela ngamalungelo akho obuzibulo.”

32. Uthe uEsawu: “Mfondini, ndiyafa! Buza kundenzela ntoni obu buzibulo uthetha ngabo?”

33. Uthe uYakobi: “Funga kuqala ukuba uza kundinika ubuzibulo.”Wafunga ke uEsawu, enikezela ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

34. Wandula ke uYakobi ukumpha isonka nesophu leyo yeentlumayo. Watya, wasela; wasukuma, wemka.Kwakukangako ke ukungawaxabisi kwakhe uEsawu amalungelo akhe obuzibulo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 25