Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 19:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukufika kwezithunywa ezibini eSodom ngorhatya lwaloo mini, uLothe wayehleli ngasemasangweni edolophu. Uthe khwasululu ukuwabona kwakhe, wawahlangabeza. Ufike waqubuda ekhangele phantsi ekhahlela, wathi:

2. “Zinkosi zam, khanikhe niye kwam, nihlambe oku kweenyawo, nilalise khona. Ningavuka ke ngentsasa, nithabathise uhambo lwenu.”Zithe zona izithunywa ukuphendula: “Hayi noko wena, siza kuhlala phaya ebaleni kude kuse.”

3. Wazithundeza, ezicenga-cenga uLothe, zada zoyisakala, zaya naye kwakhe. Wazilungiselela ukutya, wenza namaqebengwana ngentlama engenagwele. Kuthe ke kwakulunga ukutya zatya.

4. Ngaphambi kokuba ziye kulala, kwafika amadoda nabafana baseSodom, bevela kumacala ngamacala, bayingqonga indlu kaLothe.

5. Bakhwaza bebuza kuLothe ukuba aye phi na laa madoda ayeze kulala kwakhe ngobo busuku. Batsho besithi makawakhuphe, kuba babefuna ukulala nawo.

6. Waphuma endlwini uLothe, waluvala ucango ukuphuma kwakhe.

7. Ufike wathi kuloo madoda: “He, zinkosi, sanukuyenza into enje ukuba mbi.

8. Ndineentombi zimbini apha, ziseziintombi nto; kubhetele ndininike zona, nizenze ukuthanda kwenu endaweni yale nto nifuna ukuyenza. La madoda ziindwendwe zam; aphantsi kokhuselo lwam.”

9. Kodwa loo madoda athi: “Suka endleleni, mfikindini! Ungubani wena? Ucinga ukuba singagwetywa nguwe? Singajikela wena thina, kube kubi nangaphezu kwawo.” Atsho emsunduza uLothe, etyhala ezama ukuluqhekeza ucango.

10. Kodwa la madoda ayengaphakathi amtsalela endlwini uLothe, aluvala ucango,

11. awabetha ngobumfama onke loo madoda ayengaphandle, atsho akalubona ucango apho lukhoyo.

12. Athe kuLothe la madoda mabini: “Ngaba kusekho mntu wumbi na apha – nokuba ngoonyana, nokuba ziintombi zakho, nabayeni beentombi, nasiphi na isizalwana sakho? Yitsho bemke apha.

13. Kaloku le dolophu siza kuyitshabalalisa. Isikhalo esivakele ngayo sibi kangangokuba sithunywe *nguNdikhoyo ukuba size kuyibhubhisa iSodom.”

14. ULothe ke waya kuxelela amasoka eentombi zakhe ukuba makumkiwe eSodom, kuba uNdikhoyo wayeza kuyibhubhisa. Kodwa wona aba uyaqhula nje.

15. Ngentseni izithunywa zamxhesha uLothe, zathi: “Gxabha-gxabhisa, ndoda, umke apha neentombi zakho kunye nomkakho. Kungenjalo uya kutshabalala xa kusohlwaywa le dolophu.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 19