Wazithundeza, ezicenga-cenga uLothe, zada zoyisakala, zaya naye kwakhe. Wazilungiselela ukutya, wenza namaqebengwana ngentlama engenagwele. Kuthe ke kwakulunga ukutya zatya.