Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 18:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Wathi ke uAbraham: “Mhlekazi, ungakhathazeki, ndisafuna ukuqonda. Kuya kuthini ke xa bengamashumi amathathu?”“Nokuba ngamashumi amathathu, sosinda,” utshilo uNdikhoyo.

31. “Ndinyamezele, Mhlekazi,” utshilo uAbraham. “Ukuba bangamashumi mabini kuphela, kothini?”“Nokuba bangamashumi mabini, ndosisindisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

32. Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.

33. Wemka ke uNdikhoyo akugqiba ukuthetha noAbraham, naye uAbraham wagoduka.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 18