Wathi uAbraham: “Mhlekazi, selundinyamezela oku kokugqibela! Kuya kuthini ukuba lishumi linye kuphela abantu abamsulwa abalapho?”“Nokuba lishumi nje qha, andiyi kusitshabalalisa isixeko,” utshilo uNdikhoyo.