Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 4:17-31 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kambe ke sukuyishiya le ntonga; kaloku uya kuyenza ngayo imimangaliso.”

18. Ke kaloku uMosis wagoduka waya kwaJetro uyise womkakhe, wafika wathi: “Ndikhulule ndiye eJiputa kumawethu, khon' ukuze ndive impilo yawo.”Wathi uJetro: “Hamba. Ndlela-ntle!”

19. *UNdikhoyo ke wathetha noMosis kwalapho eMidiyan, wathi: “Hamba uphindele eJiputa, kuba abantu ababezungula ubomi bakho abasekho.”

20. UMosis ke wakhwelisa umkakhe nabantwana edonkini, waphindela kwelaseJiputa, ephethe intonga awayeyiyalezwe nguThixo.

21. UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.”

22. Waqhuba wathi: “Uze uthi apho kukumkani: ‘UNdikhoyo uthi: USirayeli ngunyana wam wamazibulo;

23. ngoko ke mkhulule aye kundikhonza; kuba ukuba ngaba uyala, ndiya kubulala unyana wakho wamazibulo. ’ ”

24. Kwathi apho babelalise khona uNdikhoyo wamvunukela uMosis, efuna ukumbulala,

25-26. koko wesuka uZipora wathatha intshengeca yelitye lenyengane, wolusa unyana wakhe, waza ngokunjalo wachukumisa iinyawo zikaMosis, esithi: “Ngenene kum ungumyeni wegazi.” Wayesitsho exela ulwaluko. Ngoko ke uNdikhoyo wamyeka uMosis.

27. Wathi ke uNdikhoyo kuAron: “Yiya entlango, uhlangabeze uMosis.” Wanduluka ke uAron, baza bahlangana entabeni kaThixo, wamanga.

28. UMosis ke wabalisela uAron onke amazwi awawathethayo kuye uNdikhoyo, ngokunjalo nemiqondiso awamnika yona.

29. Bahamba bobabini ke, bafika bawaqokelela amadoda amakhulu akwaSirayeli.

30. Ke uAron wawaphalaza kuwo onke amazwi awayethethwe nguNdikhoyo kuMosis, ngokunjalo nemiqondiso leyo wayeyinikiwe wayenza phambi kwabo.

31. Bathi ke abantu, bakuba bevile, bebonile nokubona, baneliseka, baqonda ukuba uthe kanti uNdikhoyo usivile isimbonono samaSirayeli, wayiqonda nembandezelo akuyo. Ngoko ke besuka bee guqaqa banqula.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 4