UNdikhoyo wamyaleza uMosis, wathi: “Wakufika eJiputa uzuyenze phambi kokumkani yonke imimangaliso endikunike amandla okuyenza. Kodwa ke ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo yakhe, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli.”