Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 39:12-24-26 Ibhayibhile (XHO96)

12. kuludwe lwesithathu yaba yitekoyisi, iagati, neamatiste;

13. kwaza kolwesine yaba yibherile, ikarneli, nejaspa. Onke ke bawaqhobosha ngesipeliti segolide.

14. Kwilitye ngalinye ke bakrola amagama oonyana bakaYakobi abamele izindlu ezilishumi elinambini zikaSirayeli.

15. Isikhuselo-sifuba basenzela amatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.

16. Benza izipeliti zazibini ngegolide, ngokunjalo namakhonkco amabini egolide, baza bawanxibelela kwiikona zesikhuselo-sifuba ezingasentla.

17. La matsheyini mabini bawarhintyela kula makhonkco mabini egolide,

18. baza baqhagamshela la macala mabini amatsheyini aseleyo kula makhonkco mabini, bawabamba ngezaa zipeliti zibini. Ngolo hlobo ke abhijela ngaphambili aya kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga.

19. Kwakhona benza amakhonkco amabini egolide, baza bawanxibelela phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga.

20. Kwangokunjalo benza amanye amakhonkco amabini ngegolide. Bawanxibelela kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule.

21. Kanye ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis amakhonkco esikhuselo-sifuba bawadibanisa namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ngohlobo lokuba isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

22. Ke wona umnweba onxitywa phezu *kwesidanga bawenza ngelaphu elizuba.

23. Indawo yokungena intloko bayivula, baza bayiqukumbela yaqina, khon' ukuze ingakrazuki.

24-26. Kumazantsi awo bawenzela imifanekiso yerharnati ezuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke bazenza zabolekisana neentsinjana ezenziwe ngegolide ngokomlomo *kaNdikhoyo kuMosis.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 39