Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 15:12-26 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wathi wakusolula esakho isandla,umhlaba wazithi bimbilili iintshaba zethu.

13. Thembekil' othando lungatshitshiyo,uyabakhokel' abant' obahlawuleleyo;ngobungangamsha bakho ubathundezile,bagaleleka kwikhaya lakho elingcwele.

14. Izizwe zithe zingeva zaphithizela liphaphu,atshw' amaFilistiy' arhwaqela luvalo.

15. Iinkosi zakwaEdom zibamb' ongezantsi;izinxiba-mxhaka zakwaMowabhi ziyatyhwatyhwa.Asisathethi ke ngezima-mhlaba zaseKanana,kuba zona ziya kunyibilika.

16. Suka zazibhija-bhija zinkwantya;ngobungangamsha bakho zaw' isiduli.Baz' abakaNdikhoyo bagqitha bengcambaza;nditsho abakhululwa awabathengayo.

17. Wabathatha wabemisa entabeni yakho,ndawo leyo ilikhaya lakho, Ndikhoyo;ewe, endlwini yakho, Ndikhoyo,leyo wazakhela yona.

18. Hayi ke bethu, yena uNdikhoyouya kulawula ngonaphakade kanaphakade.”

19. Kaloku kwathi esakungena elwandle amahashe okumkani neenqwelo nabaqhubi, *uNdikhoyo wawagubungela ngamanzi, atshona. Kanti ke wona amaSirayeli aluwela ulwandle ehamba emhlabeni owomileyo.

20. Ke kaloku umshumayelikazi uMiriyam, udade boAron, waqubula igubu lakhe, baza bonke ababhinqileyo bamlandela namagubu abo, batsho ngentsholo bengqungqa.

21. UMiriyam ke wahlabela ingoma wenjenje:“Hoyina! Memelelani nitsholoze!UNdikhoyo woyise wada watshatshela!Ihashe ngokunjalo nophezu kwaloulintywilisele phakath' elwandle.”

22. UMosis ke wawakhokela amaSirayeli, balushiya uLwandle oluBomvu, baya kungena kwintlango iShure. Baba ntsuku-ntathu behamba kuloo ntlango; bengafumani manzi.

23. Ngelikade baya kufika kwindawo ekuthiwa yiMara. Apha ke bawafumana amanzi, koko ayekrakra engaseleki. Kungenxa yeso sizathu kwakusithiwa nguKrakrayo nje igama layo.

24. Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela uMosis, athi: “Uthi siza kusela ntoni ke?”

25. UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa.Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya.

26. Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 15