UMosis ke wawakhokela amaSirayeli, balushiya uLwandle oluBomvu, baya kungena kwintlango iShure. Baba ntsuku-ntathu behamba kuloo ntlango; bengafumani manzi.