Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:4-25 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.

5. Ixhwane elo lichongwayo malingabi nasiphako, libe nonyaka ubudala. Ingalelegusha okanye elebhokhwe.

6. Maligcinwe kude kube ngumhla weshumi elinesine wenyanga, apho liya kuthi lonke ibandla lamaSirayeli liwaxhele amaxhwane alo ngorhatya.

7. Ngaloo mini ke baya kuthatha igazi lexhwane elo, bayidyobhe ngalo imigubasi yaloo ndlu batyela kuyo, ngapha nangapha naphezulu.

8. Ngobo busuku inyama leyo ze bayose, bayifake umthi womkrakriso, bayitye, bayidibanise nesonka esenziwe ngentlama engenagwele.

9. Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini.

10. Le nyama ke ize ingabekelwa ingomso. Xa kwenzekile yasala, ize itshiswe ngomlilo kusasa.

11. Uyabona ke ze nenjenje: Yityeni seningxamele ukuhamba; nifinyezile, iimbadada zisezinyaweni, induku isesandleni. Kaloku esi sisidlo sePasika kaNdikhoyo.

12. “Kanye ngobo busuku ndiya kulityhutyha elaseJiputa, ndihambe ndiwabulala onke amazibulo, ndiqalele kwawabantu, ndiyokutsho nakwawemfuyo. Mna Ndikhoyo ndiya kuba ngumgwebi phezu *koothixo bamaJiputa.

13. Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa.

14. Le mini ke ize ibe sisikhumbuzo kuni. Ze ningayilibali, ngayo nibhiyozele uNdikhoyo, niyenze ibe ngummiselo olisiko nakwizizukulwana.”

15. Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli.

16. Umhla wokuqala nomhla wesixhenxe uya kuba ngumhla owodwa wenkonzo; akukho msebenzi uya kwenziwa ngayo ngaphandle kokupheka.

17. Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo.

18. Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo.

19-20. Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

21. UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika.

22. Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso.

23. Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale.

24. Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana.

25. Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12