Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.