Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:17-34 Ibhayibhile (XHO96)

17. Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo.

18. Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo.

19-20. Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

21. UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika.

22. Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso.

23. Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale.

24. Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana.

25. Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali.

26. Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na,

27. nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo.

28. Ahamba ke amaSirayeli aya kwenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

29. Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo.

30. Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.

31. Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.

32. Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

33. AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.”

34. Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12