Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.