Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 2:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.

8. Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.

9. Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.

10. Yonke into endandiyinqwenela ndandiyifumana,kungekho nasiyolo sakha sandiphosa.Ndandineqhayiya, ndizidla ngayo yonke imizabalazo yam;lowo yaba ngumvuzo wam ngoko kubulaleka.

11. Ndathi ke ndakuwuphonononga wonke umsebenzi wezandla zam nokubulaleka endibulaleke ngako,ndafumanisa ukuba yonke loo nto ngamampunge nje,yimfeketho enjengokusukelana nomoya.Ewe, akukho nzuzo apha phantsi kwelanga.

12. Ndaza ke ndaphicotha umahluko phakathi kobulumko kunye nobutyhakala nobudenge. Kakade yintoni anokuyenza ongena ezihlangwini zokumkani ebeyingasele yenziwa ngaphambili?

13. Ndabona ukuba ubulumko buyakhetheka kunobutyhakala,kwanjengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama.

14. Umntu osisilumko uyabona apho aya khona,kanti ke sona isityhakala sifathula emnyameni.Kambe ke ndafumanisa ukuba bebonke isiphelo sinye.

15. Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge.

16. Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”

17. Ngoko ke ndatsho ndabucaphukela ubomi, kuba yonke into eyenziwa apha phantsi kwelanga yasuka yandiphathela inkxwaleko. Ewe, zonke izinto ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

18. Ke kaloku ndasuka ndakucaphukela konke ukubulaleka kwam apha phantsi kwelanga, kuba ndisazi ukuba ndihlalelwe kukuzishiya kulowo undilandelayo zonke izinto endizenzileyo.

19. Kwazi bani ke ukuba woba sisilumko okanye isityhakala? Ukanti ke noba kunjalo konke ukubulaleka nobuchule bam apha phantsi kwelanga buya kuba semandleni akhe. Hayi suka, ngamampunge lawo!

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 2