Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 2:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.

4. Ndenza imisebenzi emikhulu: ndazakhela izindlu, ndatyala izidiliya,

5. ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo.

6. Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo.

7. Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem.

8. Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam.

9. Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.

10. Yonke into endandiyinqwenela ndandiyifumana,kungekho nasiyolo sakha sandiphosa.Ndandineqhayiya, ndizidla ngayo yonke imizabalazo yam;lowo yaba ngumvuzo wam ngoko kubulaleka.

11. Ndathi ke ndakuwuphonononga wonke umsebenzi wezandla zam nokubulaleka endibulaleke ngako,ndafumanisa ukuba yonke loo nto ngamampunge nje,yimfeketho enjengokusukelana nomoya.Ewe, akukho nzuzo apha phantsi kwelanga.

12. Ndaza ke ndaphicotha umahluko phakathi kobulumko kunye nobutyhakala nobudenge. Kakade yintoni anokuyenza ongena ezihlangwini zokumkani ebeyingasele yenziwa ngaphambili?

13. Ndabona ukuba ubulumko buyakhetheka kunobutyhakala,kwanjengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama.

14. Umntu osisilumko uyabona apho aya khona,kanti ke sona isityhakala sifathula emnyameni.Kambe ke ndafumanisa ukuba bebonke isiphelo sinye.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 2