Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 9:15-29 Ibhayibhile (XHO96)

15. kodwa ke uYoram wabuyela eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. UYehu wathi: “Ukuba siyavana sukuvumela mntu aphume apha esixekweni aye kuxela iindaba eYizereli.”

16. Wangena enqwelweni yakhe ke, waya eYizereli, kuba uYoram wayelele khona. Ke naye uAhaziya ukumkani wakwaJuda wayeye kumbona.

17. Ke umlindi owayemi emboniselweni eYizereli, akubona uYehu esiza nomkhosi, wakhwaza wathi: “Nanko umkhosi usiza!”UYoram wathi: “Thumela umntu ngehashe aye kuwuhlangabeza, abuze athi: ‘Niza ngoxolo na?’ ”

18. Waphuma loo mfo ngehashe, waya kuhlangabeza uYehu, wabuza wathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”Umlindi waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa ke asibuyi.”

19. Ke ukumkani wathumela esinye isigidimi kwangehashe. Sithe ke sakufika kubo sathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”

20. Umlindi ubuye waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa asibuyi. Ke ukuqhuba ngathi kukuqhuba kukaYehu unyana kaNimshi, ngokuba uqhuba oku kwephambana.”

21. UYoram wathi: “Bopha inqwelo yam.” Ibotshiwe ke inqwelo yakhe yokulwa, baza ukumkani wakwaSirayeli uYoram nokumkani wakwaJuda uAhaziya bakhwela ezinqwelweni zabo, bahlangabeza uYehu. Bahlangana naye kuloo ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli.

22. UYoram, akumbona uYehu, wabuza wathi: “Yehu, ngaba uza ngoxolo na?”UYehu waphendula wathi: “Lungavela phi uxolo xa unyoko uJezebhele esaqhuba inkonzo yezithixo nobu bugqwirha bakhe?”

23. Ke uYoram wajika wabaleka ekhwaza uAhaziya esithi: “Liyelenqe, Ahaziya!”

24. UYehu warhola utolo lwakhe, wajolisa kuYoram, wamchana phakathi kwamagxa, utolo olo ke lwaya kuthi xhokro entliziyweni, watsho wawa apho enqwelweni.

25. UYehu wathetha noBhidekare umqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Mchole umphose kulaa ntsimi yayiyekaNabhoti umYizereli. Khumbula ngokuya mna nawe sasisenqwelweni emva koyise uAhabhi, ngokuya uNdikhoyo wathethayo wathi:

26. ‘Izolo ndilibonile igazi likaNabhoti ndawonye negazi loonyana bakhe, utsho uNdikhoyo, ndaye ke ndiza kukwenza ulihlawule kuyo yona le ntsimi, lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ Ngoko ke mchole umphose kuloo ntsimi ngokokutsho kukaNdikhoyo.”

27. Akuyibona loo nto yenzekileyo uAhaziya ukumkani wakwaJuda, wenyuka ngendlela eya eBhete-hagan. UYehu wamsukelisa, ekhwaza esithi: “Bulala!” Baza ke bamngxwelerha apho enqwelweni yakhe endleleni eya eGure ngaseIbheyam. Kambe ke waphuncula, waya kufela eMegido.

28. Amaphakathi akhe amthatha ngenqwelo, amsa eJerusalem, aza amngcwaba phakathi kooyise kwingcwaba elikwisixeko sikaDavide.

29. UAhaziya lo waqala ukuba ngukumkani wakwaJuda kunyaka weshumi elinanye elawula uYoram unyana ka-Ahabhi.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 9