Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 7:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. UElisha waphendula wathi: “Phulaphula, nali ilizwi likaNdikhoyo! UNdikhoyo utsho ukuthi: ‘Malunga neli xesha ngomso iikhilogram ezintathu zomgubo wengqolowa kananjalo neekhilogram ezintandathu zerhasi apha eSamariya zobe zithengiswa ngesiliva enye kuphela.’ ”

2. Ke iphakathi awayethembele ngalo ukumkani lathi apha kumfo wakwaThixo: “Unotshe! Soze yenzeke into enjalo, nditsho nokuba uNdikhoyo ebenokwenza iifestile ezulwini.”UElisha waphendula wathi: “Le nto ndiyithethayo uza kuyibona ngala wakho amehlo, kambe kona ukutya soze ukufake kuloo mlomo wakho!”

3. Ke kaloku esangweni lesixeko phaya kwakukho amadoda amane awayeneqhenqa. Athetha-thethana athi: “Ngani ukuba sihlale apha side sife?

4. Ukuba sithi: ‘Masingene esixekweni,’ yindlala yodwa khona, siya kufa. Noba singade sihlale apha, siza kufa. Ngoko ke masiwelele kwikampu yama-Aram, sizinikele kuwo. Ukuba asisindisile, sophila ke; ukuba kanti athe asibulala, sifile ke.”

5. Ngongcwalazi avuka aya ekampini yama-Aram. Athe esondela emacaleni ekampu yama-Aram lawo, kwaye kungabonakali nomntu lo.

6. Kaloku *uNdikhoyo ama-Aram lawo wawenza eva isandi seenqwelo namahashe, kwaba ngathi kuza umkhosi omkhulu. Ngoko ke athetha-thethana athi: “Niyabona ukumkani wakwaSirayeli uqeshe ookumkani bamaHiti nookumkani baseJiputa ukuze basihlasele.”

7. Ngoko ke ama-Aram lawo asuka abaleka ngongcwalazi, ashiya konke: iintente, namahashe, needonki zawo. Ikampu yawo leyo ayishiya injalo, asindisa ubomi bawo kuphela.

8. Loo madoda ayeneqhenqa ke afika emacaleni ekampu leyo, aza angena kwenye yeentente ezo. Hayi ke, azenzela atya, asela, ade aziphathela isiliva, igolide, nempahla yokunxiba, emka nazo, aya kuzifihla. Aphindela abuyela kwenye intente, nalapho azithathela izinto, aya kuzifihla nazo.

9. Asuka athi enye kwenye: “Asilungisi xa sisenjenje. Le yimini yeendaba ezimnandi, ibe ke thina naku sizigcine kuthi. Ukuba siyalinda kukhanye siya kufikelwa sisohlwayo. Ngoko ke masihambe kwangoku, siye kuxela ezi ndaba komkhulu.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 7