Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 4:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo.

9. Lo mfazi ke wathetha nendoda yakhe wathi: “Ndiyaqonda ukuba lo mfo umana engena apha ngumntu okhethekileyo wakwaThixo.

10. Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”

11. Efikile ke ngenye imini uElisha, wangena apho kwelo gumbi lakhe, wangqengqa.

12. Wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Khawubize lo mfazi womShunem eze apha.”Wambiza ke, waza wafika wema phambi kwakhe.

13. UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ”Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”

14. UElisha wathi: “Ngaba angenzelwa ntoni na?”UGehazi wathi: “Ngathi akananyana, ibe ke nendoda yakhe seyikhulile.”

15. UElisha wathi: “Mbize.”Ngoko ke wambiza, waza wafika wema emnyango.

16. UElisha wabhekisa kuye wathi: “Ngeli xesha kunyaka ozayo uya kuba usingathe unyana ezandleni zakho.”Ke kaloku yena wathi: “Hayi, nkosi yam, mfo wakwaThixo, musa ukusikhohlisa isicakazana sakho.”

17. Ewe, umfazi lowo ke wamitha, waza ke kunyaka olandelayo malunga nelo thuba wafumana unyana ngokwelizwi elalithethwe nguElisha.

18. Akukhula ke umntwana lowo, ngamhla uthile waya kuyise owayesemasimini nabavuni.

19. Wathi kuyise: “Intloko yam; intloko yam!”Uyise ke wabhekisa kwisicaka sakhe, wathi: “Mthwale umse kunina.”

20. Samthwala ke, samsa kunina, umntwana lowo wahlala njalo esingathiwe ngunina, kwada kwasemini, waza ke wasweleka.

21. Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 4