Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 3:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’

18. Leyo ke yinto elula kuNdikhoyo; noMowabhi lowo womnikela esandleni senu.

19. Zonke izixeko ezinqatyisiweyo kunye nezo zizezona zibalulekileyo niya kuzoyisa. Yonke imithi emihle niya kuyigawula, niyivingce yonke imithombo, namasimi endyebo onke niwonakalise ngamatye.”

20. Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.

21. Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni.

22. Ukuvuka kwawo kusasa ilanga lalikhazimla emanzini. Ke kaloku ngaphesheya phaya kumaMowabhi amanzi lawo asuka angathi abomvu njengegazi.

23. Athi: “Hayi bo, ligazi eliya! Ookumkani abaya fana balwe bodwa babulalana. Phakathi, maMowabhi! Amaxhoba ahlel' odwa!”

24. Kodwa ke athi akufika ekampini yamaSirayeli amaMowabhi lawo, suka avuka amaSirayeli, alwa ada awasukela. Hayi ke, amaSirayeli alihlasela elo lamaMowabhi, akawabulala awaxhela.

25. Azitshabalalisa iidolophu, aza kuloo masimi anendyebo yayileyo indoda yaphosa ilitye, yaza yaba lilitye nje kuloo masimi. Ayivingca imithombo, ayigawula nemithi emihle. YiKir-hareshete yodwa ekungazange kuchukunyiswe nelitye eli kuyo, kodwa nayo amadoda axhobe *ngeenkwitshi ayingqinga ayihlasela.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 3